Ukubeka abantu kuqala
SINGABENDAWO SIYAKHATHALA SINCEDA
SINGABENDAWO SIYAKHATHALA SINCEDA
Kumalunga nokusebenza Kumalunga nokukhathalela Kumalunga kunye njengamaqela abantu esibanika iinkonzo nokudlulela kunye nesisebenza nabo ngaphaya kobizo lomsebenzi
IMITHETHO-SISEKO
Ukudibana Abemi kufuneka kudityanwe nabo ngomgangatho kunye nobulunga beenkonzo zikarhulumente abazifumanayo, kwaye apho kwenzekayo khona, banikwe ukhetho ngeenkonzo ezinikwayo.
Imigangatho yeenkonzo Abemi kufuneka baxelelwe ukuba yeyiphi imigangatho kunye nobulunga beenkonzo zikarhulumente abaya kuzifumana ukuze bazi ukuba balindele ntoni.
Ufikelelo Bonke abemi kufuneka babe nofikelelo olulinganayo kwiinkonzo abanelungelo lazo.
Imbeko Abemi kufuneka baphathwe ngembeko kwaye bacingelwe.
Ulwazi Abemi kufuneka banikwe ulwazi olupheleleyo, oluchanekileyo malunga neenkonzo zikarhulumente abanelungelo lokuzifumana.
Ukuthetha konke Abemi kufuneka baxelelwe ukuba amasebe esizwe nawamaphondo nokungafihli aqhutywa njani, axabisa kangakanani, kwaye ngubani ophetheyo
Ukulungisa Ukuba ngaba umgangatho wenkonzo obuthenjisiwe awufezekiswanga, makucelwe uxolo kubemi, kwaye kunikwe ingcaciso epheleleyo kunye nolungiso olukhawulezayo nolusebenzayo; kwaye xa izikhalazo zisenziwa, abemi mabafumane impendulo enovelwano kwaye entle.
Sisonke sibetha igubu lokufezekiswa kweenkonzo
Iyilwe kwaye yakhutshwa liSebe leeNkonzo zikaRhulumente noLawulo
